.
Ukuphela Kwetyala ... S.E.K. Mqhayi (1875-1945)
Hoyina! Hoyina! Hoyina!
Godukani zizwe liphelil' ityala;
Godukani, bantu, iphelil' intw' ebithethwa.
Utsho ke yen' uZanzolo
Lutsh' uhlwathi lowo kaGcaleka,
Uzigodlwana zemaz' endala,
Zingalal' endleleni, yazini kunyembelekile.
Itsh' inkunz' abayokhuz' ukuhlab' ingekahlabi;
Kazi boze bathini na min' igwebayo?
Yivani zizwe, sininik' indyebo yentliziyo,
Yivani zizwe, sinibalisele:
Ngemihla yakudala, mini kwavel' iintaba,
Kwabekw' umntu wamnye wokuphath' abanye.
Kwathiwa ke loo mntu ngumntu wegazi,
Kwathiwa loo mntu yinkonyana yohlanga.
Kwathiwa loo mntu makathotyelwe luluntu;
Aze athi yena athobel' uQamata;
Apho kuya kuthi kuvel' imithetho nezimiselo,
Aya kuthi akuzigwenxa kungalungelelani,
Kube ziziphithi-phithi nokuphambana koluntu,
Ibe nguqulukubhode ukuphambana komhlaba.
Abakrokrayo bon' abazange baphela,
Abakhalazayo basazalwa nanamhl' oku.
Bathe nqo ngesisu, bathi ga ngomsimelelo.
Abazenzisi, badaliwe kuloo nto;
Silungisa nje, phofu nabo bayanamanama.
Sikhe sabanikela kungaf' isizwe siphela.
Nditsho lula, kuba yaziwa ngabo loo ndawo.
Izaphuselana sezide zakha zaphukaneka,
Zath' imkunzi namhla seyiseNqabarha.
Lo mzi kaXhosa namhla ndiwuncamile;
Ndiwuncame ngokuxaka nabomgquba.
Kazi kobekaphi na kubangeneleli?
Luthethil' uhlwath' olumadolo lukaKhala,
Uthethil' ujongwa-ntshiyini, bath' uqumbile,
Inkunz' abayikhuzukuhlab' ingahlabanga.
Linxetyana linye namhla, lelikaLucangwana.
Hambani, zizwe, liphelil' ityala lamawele.
Godukani, ude waphendul' uSorarabe!
Ngcingcilili!!!!
Contributions posted on za.culture.xhosa by: Fundi Mbangi
Click here to return to the Imibongo (Poetry) page
October 19, 1998 07:39:57 AM +0200