.907927289.gif (6619 bytes)

Ukuphela Kwetyala ... S.E.K. Mqhayi (1875-1945)

Hoyina! Hoyina! Hoyina!

Godukani zizwe liphelil' ityala;

Godukani, bantu, iphelil' intw' ebithethwa.

Utsho ke yen' uZanzolo

Lutsh' uhlwathi lowo kaGcaleka,

Uzigodlwana zemaz' endala,

Zingalal' endleleni, yazini kunyembelekile.

Itsh' inkunz' abayokhuz' ukuhlab' ingekahlabi;

Kazi boze bathini na min' igwebayo?

Yivani zizwe, sininik' indyebo yentliziyo,

Yivani zizwe, sinibalisele:

Ngemihla yakudala, mini kwavel' iintaba,

Kwabekw' umntu wamnye wokuphath' abanye.

Kwathiwa ke loo mntu ngumntu wegazi,

Kwathiwa loo mntu yinkonyana yohlanga.

Kwathiwa loo mntu makathotyelwe luluntu;

Aze athi yena athobel' uQamata;

Apho kuya kuthi kuvel' imithetho nezimiselo,

Aya kuthi akuzigwenxa kungalungelelani,

Kube ziziphithi-phithi nokuphambana koluntu,

Ibe nguqulukubhode ukuphambana komhlaba.

Abakrokrayo bon' abazange baphela,

Abakhalazayo basazalwa nanamhl' oku.

Bathe nqo ngesisu, bathi ga ngomsimelelo.

Abazenzisi, badaliwe kuloo nto;

Silungisa nje, phofu nabo bayanamanama.

Sikhe sabanikela kungaf' isizwe siphela.

Nditsho lula, kuba yaziwa ngabo loo ndawo.

Izaphuselana sezide zakha zaphukaneka,

Zath' imkunzi namhla seyiseNqabarha.

Lo mzi kaXhosa namhla ndiwuncamile;

Ndiwuncame ngokuxaka nabomgquba.

Kazi kobekaphi na kubangeneleli?

Luthethil' uhlwath' olumadolo lukaKhala,

Uthethil' ujongwa-ntshiyini, bath' uqumbile,

Inkunz' abayikhuzukuhlab' ingahlabanga.

Linxetyana linye namhla, lelikaLucangwana.

Hambani, zizwe, liphelil' ityala lamawele.

Godukani, ude waphendul' uSorarabe!

Ngcingcilili!!!!

Contributions posted on za.culture.xhosa by: Fundi Mbangi

slfgbar3.jpg (4702 bytes)

Click here to return to the Imibongo (Poetry) page

Disclaimer: This page uses graphics from many different sources, many of which have links to their pages from this page. I have no claim (even implied) to many of these graphics. If any laws were broken in obtaining these and publishing them, please let me know. If you want to provide a link to be used with the graphics, please be welcome to do so, as long as I have enough the space.

October 19, 1998 07:39:57 AM +0200